7
UMSEBENZI WOKUZICOCA
1. Lo msebenzi ushenxisa izikali neeminerali ezakheke kwigumbi lomphunga. I-ayini iya kuhlala
ikwimeko entle ukuba lo msebenzi wenzwa kube kanye ngenyanga ubuncinane nangaphezulu
kuxhomekeke ekuqineni kwamanzi asetyenziswayo.
2. Zalisa itanki yamanzi iye ehafini uze uyimise nkqo iayini. (Umfanekiso {Fig.} 1).
3. Plaga kwisibonelelo sombane.
4. Seta ulawulo lweqondo lobushushu kwisikhundla esingu-
“MAX”. Isibane sesalathisi siya kubaneka
okulayita ukubonisa ukuba iayini ilayitile.(Umfanekiso.2).
5. Isibane sesalathisi siya kucima xa iqondo lobushushu elifunekayo lifikelelwe.
6. Yikhuphe iayini kwindawo ephuma umbane.
7. Yibambe iayini ngokuthe tyaba phezu kwesinki.
8. Jika iqhosha lokulawula umphunga liye kwisikhundla sokuzicoca
uze ulitsale. Ngobunono
iayini yise emva naphambili okwexeshana, umphunga namanzi abilayo aya kuphuma kwimingxuma
yepleyiti yesoli ahlambele kude izikali neeminerali ngokuxhomekeke kwigumbi lomphunga.
(Umfanekiso.3 and 4).
9. Xa ugqibile ukuzicoca, lijike iqhosha lokulawula umphunga kwiayini uze ulijikele kwisikhundla esingu-
“o”. Yijike iAyini ijonge ezantsi uze uvumele amanzi aphume. (Umfanekiso.5).
Isilumkiso:
Ufele/umzimba mawube kude lee kwimiphezulu eshushu.
UKUYIKHATHALELA NOKUYICOCA
1. Jika ulawulo lweqondo lobushushu liye ku-
“0”, uze uyikhuphe kunxibelelwano iayini kwindawo
ephuma umbane eludongeni uze uyiyeke iphole ngokupheleleyo.
2. Izinto ezishiyekeleyo neentsalela kwipleyit yesoli zingashenxiswa ngelaphu elifakwe kumxube
weviniga/wamanzi.
3. Ukucoca umphandle weayini yakho, yosula ngelaphu elithambileyo nelifumileyo uze uyosule yome.
4. Musa ukuzisebenzisa iiphedi zokuguxa, izikhuhli okanye izicoci ezirhabaxa ukucoca ipleyiti yesoli.
5. Yigcine ipleyiti yesoli ithambile, musa ukuayina ngaphezu kwezinto ezibukhali ezinjengamaqhosha,
izikhonkwane neeziphu.
UGCINO
1. Jika iqhosha lokulawula umphunga nolawulo lweqondo lobushushu liye kwisikhundla esingu-
“0”.
2. Yikhuphe iayini kunxibelelwano lwendawo ephuma umbane eludongeni.
3. Yibambe iayini ijonge ezantsi uze ngobunono uyihlukuhle ukukhupha amanzi ashiyekileyo aphume
kwitanki yamanzi.
4. Yimise nkqo iayini uyiyeke iphole ngokupheleleyo.
5. Soloko uyigcina iayini iphumle ngesithende sayo.
6. Musa ukuyigcina iayini ijonge phantsi ngepleyiti yesoli yayo, okanye ikwibhokisi yayo.
ISIXHOSA