ISIXHOSA
IMIYALELO EBALULEKILEYO YOKHUSELEKO
Xa usebenzisa isixhobo sombane amanyathelo okhuseleko asisiseko kumele alandelwe, ukuquka
oku
kulandelayo:
ISILUMKISO
: Ukunciphisa umngcipheko wokutsha, ukukhatywa ngumbane, umlilo, umonzakalo ebantwini
okanye udandalaziso kumandla agqithisileyo emayikhroweyivu:
1.
Funda yonke imiyalelo phambi kokusebenzisa isixhobo.
2.
Sebenzisa esi sixhobo kuphela ngenjongo esenzelwe sona njengoko kuchaziwe kule manyuwali. Musa
ukuzisebenzisa iikhemikali ezidlayo okanye zemiphunga kwesi sixhobo. Olu hlobo lweoveni luyilwe
ngokukodwa ukwenza shushu, ukupheka okanye ukomisa ukutya. Ayiyilelwanga ukuba isetyenziselwe
ezorhwebo okanye kwilabhoretri.
3.
Musa ukuyisebenzisa ioveni xa ingena nto.
4.
Musa ukusisebenzisa esi sixhobo ukuba sinentambo okanye iplagi eyonakeleyo, ukuba ayisebenzi
ngokufanelekileyo okanye ibiyonakele okanye ibiwile. Ukuba intambo yesibonelelo yonakele, kufuneka
itshintshwe ngumenzi okanye iarhente yayo yomsebenzi okanye ngokufanayo umntu oqeqeshiweyo ukuze
uphephe ingozi
5.
ISILUMKISO: Bavumele abantwana bayisebenzise ioveni ngaphandle kokujongwa kuphela xa benikezwe
imiyalelo eyaneleyo ukuze umntwana akwazi ukuyisebenzisa ioveni ngendlela ekhuselekileyo kwaye
uyaziqonda iingozi zokusetyenziswa ngokungafanelekanga.
6.
Ukunciphisa umngcipheko womlilo kumphakathi weoveni:
Xa usenza shushu ukutya kwisiqulatho seplastiki okanye sephepha, yikhangele rhoqo ekwenzekeni
kokulumekeka.
Shenxisa amaqhina ojikajiko ocingo kwiibhegi zephepha okanye zeeplastiki phambi kokubeka ibhegi
kwioveni.
Ukuba kuqatshelwe umsi, sicime okanye usisuse eplagini isixhobo kwaye ulugcine luvalekile ucango ukuze
kufuthaniseleke nawaphi na amadangatye.
Musa ukuwusebenzisa umphakathi ngeenjongo zokugcina. Musa ukushiya iimveliso zamaphepha, izixhobo
zokupheka okanye ukutya kumphakathi xa ingayisebenzi.
7.
ISILUMKISO: Into engamanzi okanye okunye ukutyaakufuneki ukuba kufudunyezwe kukwiziqulatho
ezitywiniweyo ngenxa yokuba zinokugqabhuka.
8.
Ukwenza shushu iziselo ngemayikhroweyivu kungabangela ukubilisa okudubulayo okubambezelekileyo,
ngoko ke kufuneka kuthabathwe inkathalo xa kuphathwe isiqulatho.
9.
Musa ukugcada ukutya kwioveni. Amafutha ashushu angawonakalisa amalungu nezixhobo kwaye oko
kungade kubangele ukutsha kofele.
10. Amaqanda akumaqokobhe wawo kunye namaqanda abilisiweyo akumele enziwe shushu kwiioveni
zemayikhroweyivu kuba angadubula emva kouba kuphelile ukushushubeza mayikhroweyivu.
11. Kuchwele ukutya okunezikhumba ezomeleleyo njengamazambane, izikwashi ezipheleleyo, iiapile
nee-chestnut phambi kokuba ukupheke.
12. Iziqulatho zeebhotile zokondla neejagi zabantwana kumele zizanyiswe okanye zihlukuhlwe kwaye iqondo
lobushushu kufuneka likhangelwe phambi kokunikezwa ukuthintela ukutsha.
13. Izixhobo zokupheka zinokuba shushu ngenxa yobushushu obugqithiswa busuka ekutyeni okwenziwe
shushu. Izibambi-mbiza zinokudingeka ukuphatha izixhobo.
14. Izixhobo
kumele
zikhangelwe
ukuqinisekisa
ukuba
zikufanele
na
ukusetyenziswa
kwioveni
yemayikhroweyivu.
15. ISILUMKISO: Kuyingozi nakubani na ngaphandle komntu oqeqeshiweyo ukuphatha nayiphi na inkonzo
okanye ukulungiswa komsebenzi oquka ukushenxiswa kwayo nayiphi na ikhava enikeza ukhuselo
oluchasene nodandalazo kumandla emayikhroweyivu.
16. Le mveliso isisixhobo sika-Group 2 Class B ISM. Inkcazelo ka-Group 2 equlethe sonke isixhobo se-ISM
(esoRhwebo, esobuNzululwazi nesoNyango) ekulapho amandla efrikhwensi yerediyo enziwayo
kwaye/okanye asetyenziswa ngabom kwimo ye-of electromagnetic radiation eyenzelwe ukunyanga
imathiriyeli, nokutakisa iintlantsi kwisixhobo esidlekayo. Kwisixhobo sika-Class B sisixhobo esifanelwe
ukusetyenziswa kwizakhiwo zasekhaya nakwizakhiwo ezihlangene ngokuthe ngqo kwinethiwekhi
yesibonelelo sombane onevoltheji ephantsi esthi ibonelele izakhiwo ukusetyenziselwa injongo yasekhaya.,