ISIXHOSA
ISIQINISEKISO
NCEDA UFAKELE IRISITHI YAKHO/UBUNGQINA BENTENGO APHA.
KWIMEKO YEBANGO NGAPHANTSI KWESI SIQINISEKISO
IRISITHI/UBUNGQINA BENTENGO OBUKHANKANYWE NGAPHAMBILI
MABUVELISWE KUNYE NESI SIQINISEKISO
Inombolo yemodeli
(Inombolo yelothi: )
Igama lemveliso
Umhla wentengo
Indawo yentengo
1.
Umntu uthengisa imveliso (“umthengisi”) kumthengi wokuqala wale mveliso
(“umthengi") apha uqinisekisa ukuba le mveliso iya kuba yeyomgangatho ophezulu
kwaye, ikwimeko entle yokusebenza, ayinaziphene kwaye iyifanele injongo eyenzelwe
yona ngaphantsi kokusetyenziswa emzini oqhelekileyo, kangangesithuba sexesha
lonyaka om-1 (omnye) ukusukela kumhla wentengiso ("isigaba sexesha
lesiqinisekiso") yale mveliso.
2.
Kwimeko yokuba imveliso ingasekho semgangathweni omhle, kwimeko entle
yokusebenza okanye ineziphene okanye ingasayilungelanga injongo eyenzelwe yona
ngaphantsi kokusetyenziswa emzini oqhelekileyo, umthengi unako, ngokuphantsi
komhlathi 3 ngezantsi, ukuyibuyisela kumthengisi imveliso kule miqathango ilandelayo:
2.2 Zingaphelanga
iinyanga
zokuqala
ezi-6
(ezintandathu)
zesiqinisekiso:
unokufumana
imbuyekezo
yexabiso
lokwenene
elihlawulweyo
okanye
uyitshintshise imveliso ngenye efana nayo yexabiso elifanayo ngentengo;
2.2 Zingaphelanga iinyanga zokuqala ezi-6 (ezintandathu) zesiqinisekiso:
unokuyitshintshisa imveliso ngenye efana nayo yexabiso elifanayo ngentengo.
3. Umthengisi akayi kuyitshintshisa imveliso okanye amnikeze imbuyekezo umthengi
ngokwemiqathango yesi siqinisekiso ukuba imveliso:
3.1 itshintshwe ngokuchaseneyo nemiyalelo enikezwe kwimanyuwali yemveliso;
3.4 isetyenziswe kakubi, ihlukunyeziwe okanye ibhucabhuciwe;
3.5 inesiphene
okanye
ayikho
kwimeko
yokusebenza
ngenxa
yokudleka
okuqhelekileyo;
3.4 yonakele ngenxa yokungahoyi, ukungakhathali okukhulu komthengi, indlela
yokuziphatha ngolunya okanye indlela yokuziphatha yolwaphulo-mthetho;
3.5 isetyenziselwe iinjongo zoqoqosho okanye zorhwebo.
4. Esi siqinisekiso sisebenza kuphela kwimveliso ethengiswe kumthengisi ingasiyiyo
nayiphi na efakelwe ngenkcitho okanye efakelwe kwimveliso ngumthengi.
5. Naliphi na ibango kwimiqathango yesi siqinisekiso kufuneka sixhaswe bubungqina
bokuqala nentengo.
6. Qaphela ukuba into etshintshisiweyo iya kuthwala intsalela yesigaba sexesha
lesiqinisekiso njengaleyo yomhla wokuqala wentengo.